-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|2 Crónicas 18:11|
Bonke abaprofeti benjenjalo ukuprofeta, besithi, Nyuka uye eRamoti yaseGiliyadi, ube nempumelelo; uYehova uya kuyinikela esandleni sokumkani.
-
12
|2 Crónicas 18:12|
Ke umthunywa obeye kubiza uMikaya, wathetha kuye esithi, Khawubone, amazwi abaprofeti athetha okuhle ngamlomo mnye kukumkani; ilizwi lakho makhe libe njengelabo, uthethe okuhle.
-
13
|2 Crónicas 18:13|
Wathi uMikaya, Ehleli nje uYehova, athe wakuthetha uThixo wam, ndothetha kona.
-
14
|2 Crónicas 18:14|
Wafika kukumkani; wathi ukumkani kuye, Mikaya, siye na eRamoti yaseGiliyadi ukuba silwe, ndiyeke, kusini na? Wathi, Nyuka ube nempumelelo; baya kunikelwa esandleni senu.
-
15
|2 Crónicas 18:15|
Wathi ukumkani kuye, Makube zizihlandlo ezingaphi na ndikufungisa, ukuba ungathethi nto kum, ingeyiyo nyaniso egameni likaYehova? Wathi yena, Ndibone amaSirayeli onke elusali ezintabeni, njengempahla emfutshane engenamalusi.
-
16
|2 Crónicas 18:16|
Wathi uYehova, Abanankosi, mababuyele elowo endlwini yakhe enoxolo.
-
17
|2 Crónicas 18:17|
Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Bendingatshongo na kuwe ukuthi, akayi kuprofeta okuhle ngam, koba kokubi?
-
18
|2 Crónicas 18:18|
Wathi yena, Ngako oko, liveni ilizwi likaYehova: Ndim bonile uYehova ehleli etroneni yakhe, umi wonke umkhosi wasemazulwini ngasekunene kwakhe nangasekhohlo kwakhe.
-
19
|2 Crónicas 18:19|
Wathi uYehova, Ngubani na oya kulukuhla uAhabhi, ukumkani wamaSirayeli, enyuke aye awe eRamoti yaseGiliyadi? Wenjenje lo ukuthetha, wenjenje lo ukuthetha.
-
20
|2 Crónicas 18:20|
Waphuma ke umoya, wema phambi koYehova, wathi, Ndomlukuhla mna.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3