-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|2 Crónicas 33:21|
UAmon ubeminyaka imashumi mabini anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emibini engukumkani eYerusalem.
-
22
|2 Crónicas 33:22|
Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengoko wenza ngako uManase uyise. UAmon wabingelela kwimifanekiso yonke eqingqiweyo awayenzayo uManase uyise, wayikhonza.
-
23
|2 Crónicas 33:23|
Akazithobanga phambi koYehova, njengoko wazithobayo uManase uyise; ke yena lo Amon walikhulisa ityala.
-
24
|2 Crónicas 33:24|
Abakhonzi bakhe bamceba, bambulala endlwini yakhe.
-
25
|2 Crónicas 33:25|
Abantu belizwe bababulala bonke abacebi abo bokumkani uAmon. Abantu belizwe bamenza ukumkani uYosiya, unyana wakhe, esikhundleni sakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21