-
-
Xhosa
-
-
1
|Daniel 7:1|
Ngomnyaka wokuqala kaBheleshatsare ukumkani waseBhabheli, uDaniyeli wabona iphupha nemibono yentloko yakhe esililini sakhe. Waza walibhala iphupha, waxela isimbuku sezo zinto.
-
2
|Daniel 7:2|
Wasusela uDaniyeli wathi, Ndabona embonweni wam ebusuku, nantso imimoya yomine yasezulwini, ityhobozela kulwandle olukhulu.
-
3
|Daniel 7:3|
Kwenyuka elwandle amarhamncwa amakhulu kakhulu, engafani elinye nelinye.
-
4
|Daniel 7:4|
Elokuqala libe linjengengonyama, linamaphiko okhozi; ndalibona, ada amaphiko alo axhwithwa, lafunqulwa emhlabeni, lamiswa ngeenyawo njengomntu, lanikwa intliziyo yomntu.
-
5
|Daniel 7:5|
Nalo elinye irhamncwa, elesibini, linjengebhere; laziphakamisa ngacala-nye, lineembambo ezintathu emlonyeni walo phakathi kwamazinyo alo; kwathiwa kulo, Suka udle inyama eninzi.
-
6
|Daniel 7:6|
Emveni koko ndabona: nalo elinye, linjengengwe, linamaphiko entaka amane emhlana walo, lineentloko ezine; irhamncwa elo lanikwa igunya.
-
7
|Daniel 7:7|
Emveni koko ndabona emibonweni yasebusuku: nalo irhamncwa lesine, eloyikekayo, elomeleleyo, elincamisileyo ngamandla, elimazinyo makhulu esinyithi, lisidla, liyicola, liyinyathela ngeenyawo zalo into eseleyo; laye lingafani nawo onke amarhamncwa abengaphambili kwalo; lineempondo ezilishumi.
-
8
|Daniel 7:8|
Ndaziqiqa iimpondo, ndabona kunyuka phakathi kwazo olunye uphondo, luluncinane, ekwancothulwa phambi kwalo ezintathu kwezokuqala iimpondo. Nanko ke, kukho kolu phondo amehlo anjengamehlo omntu, nomlomo uthetha izinto ezinkulu kakhulu.
-
9
|Daniel 7:9|
Ndabona, zada zamiswa iitrone, wahlala uNyangelemihla; isambatho sakhe simhlophe njengekhephu, neenwele zentloko yakhe zinjengoboya bezimvu obunyulu, itrone yakhe ingamalangatye, iivili zayo ngumlilo olenyayo.
-
10
|Daniel 7:10|
Kwaphuma umlambo womlilo phambi kwakhe, amawaka amawaka ayelungiselela kuye, nezigidi zezigidi bezimisa phambi kwakhe; abagwebi bahlala phantsi, iincwadi zavulwa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4