-
-
Xhosa
-
-
11
|Daniel 7:11|
Ndabona; ndaza ngenxa yesandi samazwi amakhulu kakhulu olwawathethayo uphondo, ndabona, lada labulawa irhamncwa, wabhujiswa umzimba walo, wanikelwa emlilweni uvutha.
-
12
|Daniel 7:12|
Amanye ke amarhamncwa ahluthwa igunya lawo; noko ke bolulelwa ubomi okwethutyana nexeshana.
-
13
|Daniel 7:13|
Ndabona emibonweni yasebusuku: nanko kusiza, ngamafu ezulu, onjengonyana womntu, wafika kuNyangelemihla, wasondezwa phambi kwakhe.
-
14
|Daniel 7:14|
Wanikwa igunya, nobuhandiba, nobukumkani, ukuze zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zimbuse; igunya lakhe ligunya elingunaphakade, elingapheliyo; ubukumkani bakhe bobungayi konakaliswa.
-
15
|Daniel 7:15|
Umoya wam, mna Daniyeli, wazibhijabhija phakathi komzimba, nemibono yentloko yam yandikhwankqisa.
-
16
|Daniel 7:16|
Ndasondela komnye wababemi khona, ukuba ndicele kuye inyaniso ngezo zinto zonke; wathetha kum, ukuze andazise ukutyhilwa kwezinto.
-
17
|Daniel 7:17|
La marhamncwa makhulu kakhulu mane ngookumkani abane, abaya kusuka beme ehlabathini.
-
18
|Daniel 7:18|
Ke ubukumkani baya kubuthabatha abangcwele bOsenyangweni, babume ubukumkani, kude kuse ephakadeni, kude kuse ephakadeni lamaphakade.
-
19
|Daniel 7:19|
Ndaza ndanga ndingayazi inyaniso ngeli rhamncwa lesine, elingafaniyo namanye onke, elincamisileyo ngokoyikeka, elimazinyo asisinyithi, elimathupha alubhedu, eladla, lacola, layinyathela ngeenyawo into eseleyo;
-
20
|Daniel 7:20|
nangeempondo ezilishumi ezibe zisentlokweni yalo, nangolunye olwavelayo, ezawa phambi kwalo ezintathu; olo phondo lube lunamehlo, nomlomo obe uthetha izinto ezinkulu kakhulu; ukubonakala kwalo bekukukhulu ngaphezu kwamadlelane alo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4