-
-
Xhosa
-
-
15
|Esdras 10:15|
NgooYonatan unyana ka-Asayeli, noYazeya unyana kaTikwa, bodwa abamelana nelo lizwi; ooMeshulam, noShabhetayi umLevi, bebancedisa.
-
16
|Esdras 10:16|
Benjenjalo ke oonyana basemfudusweni. Kwahlulwa ooEzra umbingeleli, namadoda aziintloko zezindlu zooyise ngokwezindlu zooyise, bonke bephela, bebalulwe ngamagama, bahlala phantsi ngomhla wokuqala wenyanga yeshumi ukuyibuza le nto.
-
17
|Esdras 10:17|
Bayigqiba into yonke yamadoda abezeke abafazi bezinye iintlanga, elusukwini lokuqala lwenyanga yokuqala.
-
18
|Esdras 10:18|
Koonyana bababingeleli kwafunyanwa ababezeke abafazi bezinye iintlanga: koonyana bakaYeshuwa unyana kaYotsadaki, nabazalwana bakhe: ingooMahaseya, noEliyezere, noYaribhi, noGedaliya.
-
19
|Esdras 10:19|
Banika isandla sabo, ukuba bobakhupha abafazi babo; bathi, benetyala nje, bakhuphe inkunzi yasempahleni emfutshane ngenxa yetyala labo;
-
20
|Esdras 10:20|
koonyana bakaImere yanguHanani noZebhadiya;
-
21
|Esdras 10:21|
koonyana bakaHarim yanguMahaseya, noEliya, noShemaya, noYehiyeli, noUziya;
-
22
|Esdras 10:22|
koonyana bakaPashure yanguEliyohenayi, noMahaseya, noIshmayeli, noNataniyeli, noYozabhadi, noEliyasa;
-
23
|Esdras 10:23|
nakubaLevi; yanguYozabhadi, noShimehi, noKelaya okwanguKelita, noPetaya, noYuda, noEliyezere;
-
24
|Esdras 10:24|
kwiimvumi yanguEliyashibhi; kwabamasango yanguShalum, noTelem, noUri;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7