-
-
Xhosa
-
-
6
|Ester 7:6|
Wathi uEstere, Indoda engumbandezeli, elutshaba, ngulo Haman ungendawo. Wadandatheka ke uHaman ebusweni bokumkani nokumkanikazi.
-
7
|Ester 7:7|
Wesuka ke ukumkani enomsindo esidlweni sewayini, waya emyezweni wendlu. Ke uHaman wema, ebuthandazela ubomi bakhe kuEstere ukumkanikazi; kuba ebebona ukuba ukumkani ugqibe kwelobubi kuye.
-
8
|Ester 7:8|
Ukumkani wabuya emyezweni wendlu, wangena endlwini yesidlo sewayini, uHaman ewe phezu kwesingqengqelo abekuso uEstere. Wathi ukumkani, Angade ukumkanikazi agonyamelwe enam, endlwini apha na? Liyathi ukuphuma elo lizwi emlonyeni wokumkani, baya bagqubuthela ubuso bukaHaman.
-
9
|Ester 7:9|
Wathi uHarbhona, elinye lakumathenwa abemi phambi kokumkani, Nanguya umthi, uHaman abewenzele uMordekayi, owathetha okulungileyo ngokumkani, umi endlwini kaHaman; ubude bawo buziikubhite ezimashumi mahlanu. Wathi ukumkani, Mxhomeni kuwo.
-
10
|Ester 7:10|
Bamxhoma ke uHaman emthini lowo, abewulungisele uMordekayi. Wadamba ke umsindo wokumkani.
-
1
|Ester 8:1|
Ngaloo mini, ukumkani uAhaswerosi wamnika uEstere ukumkanikazi indlu kaHaman, umbandezeli wamaYuda. UMordekayi weza phambi kokumkani; kuba uEstere ubeyixelile into abeyiyo kuye.
-
2
|Ester 8:2|
Ukumkani wakhulula umsesane wakhe, abewuthabathe kuHaman, wanika uMordekayi. UEstere wammisa uMordekayi phezu kwendlu kaHaman.
-
3
|Ester 8:3|
Waphinda uEstere, wathetha phambi kokumkani, ewe phambi kweenyawo zakhe, elila etarhuzisa kuye, ukuba abutshitshise ububi bukaHaman umAgagi, nengcinga yakhe abeyicingile ngamaYuda.
-
4
|Ester 8:4|
Waza ukumkani wayolulela kuEstere intonga yegolide; wavuka uEstere, wema phambi kokumkani.
-
5
|Ester 8:5|
Wathi, Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, ukuba ndithe ndababalwa nguye, yafaneleka le nto phambi kokumkani, nam ndalunga emehlweni akhe: makubhalwe zibuye iincwadi zengcinga kaHaman unyana kaHamedata, umAgagi, awazibhalela ukuwatshabalalisa amaYuda asemazweni onke kakumkani.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7