-
-
Xhosa
-
-
29
|Ester 9:29|
Babhala ke ooEstere ukumkanikazi, intombi ka-Abhihayili, noMordekayi umYuda, bamisa ngokuqinileyo konke, le ncwadi yesibini yePuri.
-
30
|Ester 9:30|
Wathumela iincwadi kumaYuda onke, emazweni alikhulu elinamanci mabini anesixhenxe obukumkani buka-Ahaswerosi, amazwi oxolo nenyaniso,
-
31
|Ester 9:31|
okumisa loo mihla yePuri ngamaxesha ayo amisiweyo, ngoko bamisa ngako ooMordekayi umYuda noEstere ukumkanikazi, nangoko amaYuda azimisela ngako okwawo, nembewu yawo, amazwi okuzila ukudla nokukhala kwawo.
-
32
|Ester 9:32|
Ilizwi likaEstere lazimisa izinto zaloo Puri, labhalwa encwadini.
-
1
|Ester 10:1|
Ukumkani uAhaswerosi walirhafisa ilizwe neziqithi zolwandle.
-
2
|Ester 10:2|
Konke ukwenza kokuqina kwakhe, nobugorha bakhe, nengxelo yobukhulu bukaMordekayi, awenziwa mkhulu ngabo ngukumkani, azibhalwanga na ezo zinto encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bamaMedi namaPersi?
-
3
|Ester 10:3|
Kuba uMordekayi umYuda ebenganeno kokumkani uAhaswerosi, emkhulu kumaYuda, ekholekile kuninzi lwabazalwana bakhe, ebafunela abantu bakowabo okulungileyo, ethetha uxolo kwimbewu yonke yakowabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7