-
-
Xhosa
-
-
10
|Ester 6:10|
Wathi ukumkani kuHaman, Ngxama uthabathe isambatho eso nehashe elo, njengoko ukuthethileyo, wenjenjalo kuMordekayi umYuda, ohleli esangweni lokumkani. Makungawi phantsi nalinye ilizwi kuko konke okuthethileyo.
-
11
|Ester 6:11|
UHaman wasithabatha isambatho eso nehashe elo, wamambathisa uMordekayi, wamkhwelisa, wamcandisa ezitratweni zomzi, wadanduluka phambi kwakhe ngokuthi, Kwenjiwa nje kwindoda athanda ukuyibeka embekweni ukumkani.
-
12
|Ester 6:12|
Wabuya uMordekayi, weza esangweni lokumkani; ke uHaman wangxama waya endlwini yakhe, ethe matshamatsha, egqubuthele intloko.
-
13
|Ester 6:13|
UHaman wamcacisela uZereshe umkakhe, nezithandane zakhe zonke, konke okumhleleyo. Zathi kuye izilumko zakhe noZereshe umkakhe, Ukuba ngowembewu yamaYuda uMordekayi lo, uqalileyo ukuwa phambi kwakhe, akunakumthini; ke wowa uwile phambi kwakhe.
-
14
|Ester 6:14|
Bathe besathetha naye, kwafika amathenwa okumkani, bangxamisa ukumsa uHaman esidlweni abesenzile uEstere.
-
1
|Ester 7:1|
Ukumkani noHaman beza kusela noEstere ukumkanikazi.
-
2
|Ester 7:2|
Wathi ukumkani kuEstere nangomhla wesibini, besesidlweni sewayini, Ucela ntoni na, Estere, kumkanikazi? woyinikwa; ufuna ntoni na? woyenzelwa kude kube sesiqingatheni sobukumkani.
-
3
|Ester 7:3|
Waphendula uEstere ukumkanikazi, wathi, Ukuba ndithe ndababalwa nguwe, kumkani, ukuba kuthe kwalunga kukumkani, mandinikwe ubomi bam ngokucela kwam, nabantu bakowethu ngokuthandaza kwam.
-
4
|Ester 7:4|
Kuba kuthengisiwe ngathi, mna nabantu bakowethu, ukuze sitshatyalaliswe, sibulawe, sisingelwe phantsi. Ukuba bekuthengiswe ngathi ukuba sibe ngamakhoboka namakhobokazana, ndinge ndithe cwaka; ngokuba umbandezeli lowo ubengeyibuyiseli inkxwaleko yokumkani.
-
5
|Ester 7:5|
Waza ukumkani uAhaswerosi wathi kuEstere ukumkanikazi, Ngubani na lowo? uphi na yena lowo, uzalise intliziyo yakhe ukwenjenjalo?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7