-
-
Xhosa
-
-
11
|Ester 4:11|
Bonke abakhonzi bokumkani, nabantu bamazwe okumkani, bayazi ukuba umntu, noyindoda noyinkazana, othe waya kukumkani entendelezweni engaphakathi, engabizwanga, mnye umthetho wakhe, ngowokuba abulawe; ngulowo yedwa, athe ukumkani wamolulela intonga yakhe yegolide, owothi aphile; ke mna andibizwanga ukuba ndiye kukumkani le mihla imashumi mathathu.
-
12
|Ester 4:12|
Bamxelela ke uMordekayi amazwi kaEstere.
-
13
|Ester 4:13|
Wathi uMordekayi ukumphendula uEstere, Musa ukuthi emphefumlweni wakho, uya kusinda wena endlwini yokumkani ngaphezu kwamaYuda onke.
-
14
|Ester 4:14|
Ngokuba xa uthe wahlala wathi tu ngeli xesha, ukuphefumla nokuhlangulwa kowavelela amaYuda kwenye indawo; ke wena nendlu yoyihlo nitshatyalaliswe. Ngubani na owaziyo, hi kanti ungene ebukumkanini ngenxa yexesha elinje?
-
15
|Ester 4:15|
Wathi uEstere ukumphendula uMordekayi,
-
16
|Ester 4:16|
Yiya uwahlanganise onke amaYuda anokufumaneka eShushan, nizÂ’ile ukudla ngenxa yam. Musani ukudla, musani ukusela, imihla ibe mithathu, ubusuku nemini. Mna kananjalo neempelesi zam siya kwenjenjalo ukuzila ukudla; ndenjenjalo ukuya kukumkani ngokungesesikweni, nditshabalale ukuba ndiyatshabalala.
-
17
|Ester 4:17|
UMordekayi wegqitha, wenza ngako konke uEstere abemwisele umthetho ngako.
-
1
|Ester 5:1|
Kwathi ngomhla wesithathu, uEstere wambatha ezobukumkanikazi, wema entendelezweni engaphakathi yendlu yokumkani, malungana nendlu yokumkani. Waye ukumkani ehleli etroneni yobukumkani bakhe endlwini yobukumkani, malunga nomnyango wendlu.
-
2
|Ester 5:2|
Kwathi, ukumkani akumbona uEstere ukumkanikazi emi entendelezweni, wambabala; ukumkani wayolulela kuEstere intonga yegolide ebisesandleni sakhe. Wasondela ke uEstere, waphatha encamini yentonga leyo.
-
3
|Ester 5:3|
Wathi ukumkani kuye, Unandawoni na, kumkanikazi Estere? Ufuna ntoni na? woyinikwa kude kube sesiqingatheni sobukumkani.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7