-
-
Xhosa
-
-
19
|Ester 2:19|
Ke kaloku ekuhlanganisweni kweentombi okwesibini, ubehleli uMordekayi esangweni lokumkani.
-
20
|Ester 2:20|
UEstere ubengayixelanga imizalwane yakhe nabantu bakowabo, njengoko uMordekayi wayemmisele; ngokuba ilizwi likaMordekayi ubelenza uEstere, njengokuba wayesondliwa nguye.
-
21
|Ester 2:21|
Ngaloo mihla kwathi, uMordekayi ehleli esangweni lokumkani, baba noburhalarhume uBhigetan noTereshe, amathenwa amabini okumkani, abagcini bomnyango, bafuna ukumsa izandla ukumkani uAhaswerosi.
-
22
|Ester 2:22|
Yaziwa loo nto nguMordekayi, waxelela uEstere ukumkanikazi; uEstere waxelela ukumkani egameni likaMordekayi.
-
23
|Ester 2:23|
Yancinwa loo nto, yafunyanwa; baxhonywa bobabini emthini. Yabhalwa loo nto encwadini yemicimbi yemihla phambi kokumkani.
-
1
|Ester 3:1|
Emveni kwezo zinto, ukumkani uAhaswerosi wamenza mkhulu uHaman unyana kaHamedata, umAgagi; wamphakamisa, wasimisa isihlalo sakhe ngaphezu kwabathetheli bonke ababenaye.
-
2
|Ester 3:2|
Bonke abakhonzi bokumkani, ababesesangweni lokumkani, babeguqa, baqubude kuHaman; kuba wenjenjalo ukumkani ukuwisa umthetho ngaye; ke yena uMordekayi akaguqa, akaqubuda kuye.
-
3
|Ester 3:3|
Abakhonzi bokumkani, ababesesangweni lokumkani, bathi kuMordekayi, Yini na ukuba uwugqithe umthetho wokumkani?
-
4
|Ester 3:4|
Kwathi ke, bakumana ukutsho kuye imihla ngemihla, engaphulaphuli kubo, bamxelela uHaman, ukukhangela ukuba aya kuma na amazwi kaMordekayi. Kuba ubebaxelele ukuba yena ungumYuda.
-
5
|Ester 3:5|
Wabona uHaman ukuba uMordekayi akaguqi, akaqubudi kuye; wasuka uHaman wazala ngumsindo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7