-
-
Xhosa
-
-
9
|Ester 2:9|
Yamkholisa intombi leyo, wayenzela ububele, wakhawuleza, wayinika izinto zayo zokuthambisa, nezabelo zayo, wayinika neentombi ezisixhenxe ezihleliweyo, ezivela endlwini yokumkani; wayibeka yona nomthinjana wayo kweyona ndawo intle kwindlu yabafazi.
-
10
|Ester 2:10|
UEstere ubengabaxelanga abantu bakowabo nemizalwane yakhe; kuba uMordekayi wayemwisele umthetho wokuba angabaxeli.
-
11
|Ester 2:11|
UMordekayi waye mana ukuhamba imihla ngemihla yonke phambi kwentendelezo yendlu yabafazi, ukuba akwazi ukuphila kukaEstere, nokwenziwayo kuye.
-
12
|Ester 2:12|
Ke kaloku ekufikeni kwexesha lentombi ngentombi lokuya kukumkani uAhaswerosi, ekupheleni kokwenziwa kwesiko labafazi iinyanga ezilishumi elinambini (kuba bekunjalo ukuzaliseka kwemihla yokuthanjiswa kwazo; iinyanga ezintandathu bekusenziwa ngeoli yemore, ezinye iinyanga ezintandathu ngobulawu nangeento zokuthambisa abafazi),
-
13
|Ester 2:13|
ngelo xesha ke ibe isithi intombi ukuya kukumkani, kuthi konke ebikunqwenela ikunikwe, ihambe nako, iphuma endlwini yabafazi ukuya endlwini yokumkani.
-
14
|Ester 2:14|
Ibisakuya ngokuhlwa, ngengomso ibuyele kweyesibini indlu yabafazi, ephantsi kogcino lukaShahashgazi, ithenwa lokumkani, umgcini wamashweshwe. Ibingabi saya kukumkani, engayinanzanga ukumkani, ayibize ngegama.
-
15
|Ester 2:15|
Ekufikeni kwexesha likaEstere, intombi ka-Abhihayili, uyisekazi kaMordekayi, obeyithabathe ukuba ibe yintombi yakhe, lokuba aye kukumkani, akafunanga nto ingaxelwanga nguHegayi ithenwa lokumkani, umgcini wabafazi. UEstere wababalwa ngabo bonke abambonayo.
-
16
|Ester 2:16|
Wasiwa ke uEstere kukumkani uAhaswerosi, endlwini yakhe yobukumkani, ngenyanga yeshumi (leyo yinyanga enguTebhete), ngomnyaka wesixhenxe wobukumkani bakhe.
-
17
|Ester 2:17|
Ukumkani wamthanda uEstere ngaphezu kwabafazi bonke; wambabala, wamenzela inceba ngaphezu kweentombi zonke; unkontsho lobukumkanikazi walubeka entlokweni yakhe, wamenza ukumkanikazi esikhundleni sikaVashti.
-
18
|Ester 2:18|
Ukumkani wabenzela isidlo esikhulu abathetheli bakhe nabakhonzi bakhe, isidlo sikaEstere; wawaphumza amazwe, wapha izipho ngokwamandla okumkani.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19