-
-
Xhosa
-
-
21
|Ester 1:21|
Ilizwi elo lalunga emehlweni okumkani nabathetheli. Wenza ke ukumkani ngokwelizwi likaMemukan.
-
22
|Ester 1:22|
Wathumela iincwadi emazweni onke kakumkani, kwilizwe ngelizwe, njengokubhala kwalo, kwizizwe ngezizwe ngokweentetho zazo, okokuba amadoda onke alawule ezindlwini zawo, athethe ngentetho yakowawo.
-
1
|Ester 2:1|
Emva kwezi zinto, bakudamba ubushushu bokumkani uAhaswerosi, wamkhumbula uVashti, noko abekwenzile, noko bekugqitywe ngaye.
-
2
|Ester 2:2|
Athi amadodana akwakumkani abelungiselela kuye, Ukumkani makafunelwe iintombi eziseziintombi, ezimbonakalo intle.
-
3
|Ester 2:3|
Ukumkani makayalele abaphathi emazweni onke obukumkani bakhe, bahlanganise zonke iintombi eziseziintombi, ezimbonakalo intle, bazizise eShushan komkhulu, endlwini yabafazi, phantsi kwesandla sikaHegayi, ithenwa lokumkani, umgcini wabafazi, zinikwe izinto zokuthambisa.
-
4
|Ester 2:4|
Ize ithi intombi ethe yalunga emehlweni okumkani, ibe ngukumkanikazi esikhundleni sikaVashti. Lalunga elo lizwi emehlweni okumkani; wenjenjalo ke.
-
5
|Ester 2:5|
Kwakukho ke eShushan komkhulu indoda engumYuda, egama linguMordekayi, unyana kaYahire, unyana kaShimehi, unyana kaKishe, indoda engumBhenjamin;
-
6
|Ester 2:6|
eyayithinjiwe eYerusalem nabathinjwa, ababethinjwe noYekoniya ukumkani wakwaYuda, owathinjwa nguNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli.
-
7
|Ester 2:7|
Yaye ingumondli kaHadasa (nguEstere ke lowo), intombi kayisekazi; ngokuba ebengenayise nanina. Intombi leyo yayimile kakuhle, intle nasebusweni. Emva kokufa kukayise nonina, uMordekayi wayithabatha yaba yintombi yakhe.
-
8
|Ester 2:8|
Kwathi ekuvakaleni kwelizwi lokumkani nomthetho wakhe, ekuhlanganisweni kweentombi ezininzi eShushan komkhulu, phantsi kwesandla sika Hegayi, wasiwa noEstere endlwini yokumkani, phantsi kwesandla sikaHegayi, umgcini wabafazi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7