-
-
Xhosa
-
-
1
|Marcos 11:1|
Ke kaloku, xa basondelayo eYerusalem, eBhetefage naseBhetani, besingisa eNtabeni yemiNquma, ususa babe babini kubafundi bakhe,
-
2
|Marcos 11:2|
athi kubo, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi ningena kuwo, nibe senifumana ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise.
-
3
|Marcos 11:3|
Nokuba ubani uthe kuni, Yini na ukuba nikwenze oko? nothi, Liyafuneka eNkosini; wothi kwaoko ke alithumele apha.
-
4
|Marcos 11:4|
Basuka ke baya, balifumana ithole libotshelelwe ngasemnyango ngaphandle, ekuhlanganeni kweendlela; balikhulula.
-
5
|Marcos 11:5|
Baye abathile kwababemi khona besithi kubo, Nenza ntoni na, nilikhulula nje ithole?
-
6
|Marcos 11:6|
Bathetha ke kubo njengoko uYesu ebebawisele umthetho ngako; baza babayeka.
-
7
|Marcos 11:7|
Balizisa ithole kuYesu; baziphosa iingubo zabo phezu kwalo; wahlala phezu kwalo.
-
8
|Marcos 11:8|
Ke kaloku abaninzi bazandlala iingubo zabo endleleni; baye ke abanye bexhuzula amahlamvu emithini, bewandlala endleleni.
-
9
|Marcos 11:9|
Baye abo babehamba ngaphambili, nabo babelandela, bedanduluka, besithi, Hosana; makabongwe lo uzayo egameni leNkosi.
-
10
|Marcos 11:10|
Mabubongwe ubukumkani bobawo wethu uDavide, obo buzayo egameni leNkosi! Hosana enyangweni!
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40