-
-
Xhosa
-
-
11
|Marcos 16:11|
Basuka nabo, bakuva ukuba uhleli, nokuba ukhe wabonwa nguye, abakholwa.
-
12
|Marcos 16:12|
Emveni koko ke, wabonakaliswa ngesinye isimo kwababini bakubo, behamba besinga emaphandleni.
-
13
|Marcos 16:13|
Nabo baya babikela abanye; abakholwa nangabo.
-
14
|Marcos 16:14|
Kamva wabonakalaliswa kwabalishumi elinamnye, behleli ngasesithebeni; wakungcikiva ukungakholwa kwabo, nobulukhuni beentliziyo zabo; ngokuba bengakholwanga ngabo babembonile evukile.
-
15
|Marcos 16:15|
Wathi kubo, Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezilungileyo kuyo yonke indalo.
-
16
|Marcos 16:16|
Lowo ukholiweyo wabhaptizwa, wosindiswa; ke yena ongakholwanga, wogwetywa.
-
17
|Marcos 16:17|
Imiqondiso ke eya kulandelana nabo bakholiweyo nantsi: egameni lam baya kukhupha iidemon; baya kuthetha ngeelwimi ezintsha;
-
18
|Marcos 16:18|
baya kuphatha iinyoka; nokuba bathe basela into ebulalayo, ayikukha ibenzakalise bona; baya kubeka izandla phezu kwemilwelwe, iphile.
-
19
|Marcos 16:19|
Yathi okunene ngoko yona iNkosi, emveni kokuthetha kubo, yanyuselwa emazulwini, yahlala ngasekunene kukaThixo.
-
20
|Marcos 16:20|
Ke bona baphuma, bavakalisa ezindaweni zonke, iNkosi isebenza nabo, iliqinisela ilizwi ngayo imiqondiso ephelekana nalo. Amen.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19