-
-
Xhosa
-
-
21
|Marcos 1:21|
Bangena eKapernahum. Engene kwaoko ngesabatha endlwini yesikhungu, wafundisa.
-
22
|Marcos 1:22|
Bakhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ebebafundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.
-
23
|Marcos 1:23|
Kwaye kukho endlwini yabo yesikhungu umntu onomoya ongcolileyo; wakhala,
-
24
|Marcos 1:24|
esithi, Yoo! Yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo.
-
25
|Marcos 1:25|
Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye.
-
26
|Marcos 1:26|
Uthe umoya ongcolileyo wambetha wee xhwenene; wakhala ngezwi elikhulu, waphuma kuye.
-
27
|Marcos 1:27|
Baqhiphuka umbilini bonke, ngokokude babuzisane, besithi, Yintoni na le nto? Le mfundiso intsha yiyiphi na, le nto noomoya abangcolileyo aba abathethela ngegunya, bamlulamele?
-
28
|Marcos 1:28|
Lwaphuma ke kwaoko udumo lwakhe; lwaya kuwo wonke ummandla welaseGalili.
-
29
|Marcos 1:29|
Kwaoko, bakuphuma endlwini yesikhungu, bangena endlwini kaSimon noAndreya, benoYakobi noYohane.
-
30
|Marcos 1:30|
Ke kaloku umkhwekazi kaSimon wayelele, esifa yicesina; bamxelela ngaye kwaoko.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40