-
-
Xhosa
-
-
31
|Marcos 7:31|
Uthe wabuya waphuma emideni yaseTire neyaseTsidon, weza kulwandle lwaseGalili, ecanda phakathi kwemida yaseDekapoli.
-
32
|Marcos 7:32|
Bazisa ke isithulu esithintithayo, bambongoza ukuba abeke isandla phezu kwaso.
-
33
|Marcos 7:33|
Wasishenxisa esihlweleni sasodwa, wafaka iminwe yakhe ezindlebeni zaso, wathi etshicile, wachukumisa ulwimi lwaso,
-
34
|Marcos 7:34|
wakhangela ezulwini, wancwina, wathi kuso, Efata, oko kukuthi, Vuleka.
-
35
|Marcos 7:35|
Zavuleka kwaoko iindlebe zaso, zacombuluka iingqambu zolwimi lwaso, sathetha salungisa.
-
36
|Marcos 7:36|
Wabayala ukuba mabangaxeleli bani; kodwa okukhona wabayalayo, kwaba kukhona bakuvakalisa ngakumbi.
-
37
|Marcos 7:37|
Bakhwankqiswa ngokuncamisileyo kanye, besithi, Uzenze iinto zonke kakuhle; uzenza nezithulu zive, nabangenakuthetha bathethe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34