-
-
Xhosa
-
-
1
|Miqueas 1:1|
Ilizwi likaYehova elafika kuMika waseMoreshete, ngemihla kaYotam, ka-Ahazi, kaHezekiya, ookumkani bakwaYuda, awalibonayo ngokusingisele kwelakwaSamari neYerusalem.
-
2
|Miqueas 1:2|
Yivani nonke, zizwe niphela; bazani indlebe, hlabathi nenzaliseko yalo; mayibe lingqina iNkosi uYehova ngani, iNkosi etempileni yayo engcwele.
-
3
|Miqueas 1:3|
Kuba nanko uYehova ephuma endaweni yakhe, eya kuhla, anyathele phezu kwemimango yehlabathi.
-
4
|Miqueas 1:4|
Ziya kunyibilika iintaba phantsi kwakhe, zicandeke izihlambo, njengomthwebeba phambi komlilo, njengamanzi ephalazwe exandekeni.
-
5
|Miqueas 1:5|
Konke oko kungesikreqo sakwaYakobi, kungesono sendlu kaSirayeli. Ngubani na obange isikreqo sakwaYakobi? AsingowakwaSamari na? Ngubani na obange iziganga zakwaYuda? AsingowaseYerusalem na?
-
6
|Miqueas 1:6|
Ngoko ke ndolenza elakwaSamari libe yimfumba yamatye esisimi, libe ziindawo zokutyala imidiliya; ndiwaphose amatye alo emfuleni, ndizityhile iziseko zalo.
-
7
|Miqueas 1:7|
Iya kuqotywa yonke imifanekiso yalo eqingqiweyo, lutshiswe ngomlilo lonke utsheqo lwalo, ndizichithe zonke izithixo zalo; ngokuba lizibuthe ngotsheqo lwehenyukazi, ziya kubuya ke zibe lutsheqo lwehenyukazi.
-
8
|Miqueas 1:8|
Ngoko ke ndiya kumbambazela, ndibhomboloze; ndiya kuhamba ndihlunyulwe, ndishiywe ndize; ndiya kukhala njengempungutye, ndilile njengenciniba.
-
9
|Miqueas 1:9|
Kuba amanxeba alo akanakunyangwa; ngokuba kude kwafika nakwaYuda, kwada kwafika esangweni labantu bam eYerusalem.
-
10
|Miqueas 1:10|
Musani ukukuxela eGati, musani ukulila nokulila; eBhetele-afra ndizigalele ngothuli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7