-
-
Xhosa
-
-
1
|Miqueas 5:1|
Kaloku ngungelanani, ntombi yongungelwano; bayasingqinga, babetha ngentonga esidleleni nakumgwebi wakwaSirayeli.
-
2
|Miqueas 5:2|
Ke wena, Bhetelehem-efrata, umncinane kunokuba ubekho emawakeni akwaYuda, kuya kuphuma kuwe, eze ngenxa yam, oya kuba ngumlawuli kwaSirayeli, oziphumo zakhe zisusela kumandulo, zisusela kwimihla yasephakadeni.
-
3
|Miqueas 5:3|
Ngako oko uya kubanikela kude kube lixesha lokuzala kozalayo, ade abuye amasalela abazalwana bakhe, kunye noonyana bakaSirayeli;
-
4
|Miqueas 5:4|
uya kuma, aluse enamandla kaYehova, enobungangamsha begama likaYehova uThixo wakhe; bahlale; ngokuba ngoku uya kuba mkhulu, ese eziphelweni zehlabathi.
-
5
|Miqueas 5:5|
Woba luxolo lowo. Xa uAsiriya azileyo ezweni lakowethu, xa anyathelayo ezingxandeni zethu ezinde, siya kumisela abalusi abasixhenxe, neenkosi zabantu ezisibhozo, zimelane naye.
-
6
|Miqueas 5:6|
Baya kulalusa ilizwe laseAsiriya ngekrele, nelizwe lakwaNimrodi emasangweni alo; asihlangule kuma-Asiriya, xa azileyo ezweni lakowethu, xa anyathelayo emideni yethu.
-
7
|Miqueas 5:7|
Amasalela akwaYakobi aya kuba phakathi kwezizwe ezininzi, njengombethe ophuma kuYehova, njengamathontsi emvula ebutyanini; engathembele mntwini, engalindele koonyana babantu.
-
8
|Miqueas 5:8|
Amasalela akwaYakobi oba sezintlangeni, phakathi kwezizwe ezininzi, njengengonyama phakathi kweenyamakazi zehlathi; njengengonyama entsha phakathi kwemihlambi yeegusha, yona ithi, ingacanda kuzo, isuke inyhashe, iqwenge, kungabikho mhlanguli.
-
9
|Miqueas 5:9|
Masiphakame isandla sakho, sibe phezu kwababandezeli bakho, zinqunyulwe zonke iintshaba zakho.
-
10
|Miqueas 5:10|
Kothi ngaloo mini, utsho uYehova, ndiwanqumle amahashe akho, angabikho phakathi kwakho, ndizitshabalalise iinqwelo zakho zokulwa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7