-
-
Xhosa
-
-
1
|Miqueas 6:1|
Khanive akuthethayo uYehova; uthi, SukÂ’ ume, ubambanene entaba, iinduli zilive ilizwi lakho.
-
2
|Miqueas 6:2|
Yivani, zintaba, ukubambana kukaYehova, nani zimakade, ziseko zehlabathi; kuba uYehova ubambene nabantu bakhe, uya kuphikisana namaSirayeli.
-
3
|Miqueas 6:3|
Bantu bam, ndenze ntoni na kuni? Ndinidinise ngantoni na? Ndiphenduleni.
-
4
|Miqueas 6:4|
Ngokuba ndaninyusa ezweni laseYiputa, ndanikhulula endlwini yamakhoboka, ndathuma phambi kwenu ooMoses, noAron, noMiriyam.
-
5
|Miqueas 6:5|
Bantu bam, khanikukhumbule ukucebisa kukaBhalaki ukumkani wakwaMowabhi, nokuphendula kukaBhileham unyana kaBhehori, ethabathela eShitim, wada wesa eGiligali, ukuze niyazi imisebenzi kaYehova yobulungisa.
-
6
|Miqueas 6:6|
Ndiya kumkhawulela uYehova ndinantoni na? Ndiye kuzigoba na kuThixo ophezulu? Ndiya kumkhawulela ndinamadini anyukayo na, ndinamathole amnyaka mnye na?
-
7
|Miqueas 6:7|
Wokholiswa na uYehova ngamawaka eenkunzi zezimvu, ngamawaka alishumi emilambo yeoli? Ndorhola owamazibulo na ngenxa yesikreqo sam, isiqhamo somzimba wam na ngenxa yesono somphefumlo wam?
-
8
|Miqueas 6:8|
Uxelelwe, mntundini, okulungileyo: akubizayo uYehova kuwe, kukuthi wenze okusesikweni, uthande inceba, uhambe noThixo wakho ngokuthozamileyo.
-
9
|Miqueas 6:9|
Izwi likaYehova libhekisa kuwo umzi ukubiza, igama lakho liyayibona eyona nto iyiyo. Yiveni intonga, nalowo uyiyalelayo.
-
10
|Miqueas 6:10|
Busekho na ubuncwane bokungendawo endlwini yongendawo, ne-efa edlekileyo, ebhavunyelweyo?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10