-
-
Xhosa
-
-
1
|Miqueas 3:1|
Ndathi, Khanive, zintloko zakwaYakobi, nani baphathi bendlu kaSirayeli; asikokwenu na ukukwazi okusesikweni?
-
2
|Miqueas 3:2|
nina, bathiyi bokulungileyo, bathandi bokubi; nina bahlinzi bolusu lwabantu, nenyama yabo emathanjeni abo;
-
3
|Miqueas 3:3|
nina, bayidlileyo inyama yabantu bam; balobula ulusu iwabo; bawaphula amathambo abo; bawaxhaxha ngathi ngawembiza, ngathi yinyama kungxawu.
-
4
|Miqueas 3:4|
Baya kwandula bakhale kuYehova, angabaphenduli: asuke abusithelise ubuso bakhe kubo ngelo xesha, njengoko bazenze zambi iintlondi zabo.
-
5
|Miqueas 3:5|
Utsho uYehova ngokusingisele kubaprofeti ababandwendwisayo abantu bakowethu; abathi, xa banokuhlafunwayo, baze bamemeze uxolo: bathi, osukuba engafaki nto emlonyeni wabo, bamngcwalisele imfazwe, ukuthi:
-
6
|Miqueas 3:6|
Ngako oko niya kuba nobusuku, iphuthe imibono; nibe nobumnyama, kuphuthe ukuvumisa; litshone ilanga kubaprofeti, ibe mnyama imini kubo.
-
7
|Miqueas 3:7|
Ziya kudana iimboni, babe neentloni abavumisi, bazigqubuthele iindevu bonke bephela; ngokuba kungekho mpendulo kaThixo.
-
8
|Miqueas 3:8|
Ke mna ndizele ngamandla ngomoya kaYehova, ndizele kokusesikweni nobugora, ukuze ndimxelele uYakobi ukreqo lwakhe, uSirayeli isono sakhe.
-
9
|Miqueas 3:9|
Khanive oku, nina zintloko zendlu kaYakobi, nani baphathi bendlu kaSirayeli, abakwenza amasikizi okusesikweni, bakujikajike konke okuthe tye;
-
10
|Miqueas 3:10|
abayakha iZiyon ngamagazi, neYerusalem ngobugqwetha.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40