-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Mateo 13:1|
Ke kaloku, kwangaloo mini waphuma uYesu endlwini, waya wahlala ngaselwandle.
-
2
|Mateo 13:2|
Kwahlanganisana kuye abantu abaninzi, wada yena wangena emkhombeni, wahlala phantsi; zathi zonke izihlwele zema elunxwemeni.
-
3
|Mateo 13:3|
Wathetha kubo iindawo ezininzi ngemizekeliso, esithi, Yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela.
-
4
|Mateo 13:4|
Ekuhlwayeleni kwakhe inxalenye yeenkozo yawa ngasendleleni, zeza iintaka zayidla zayigqiba.
-
5
|Mateo 13:5|
Ezinye ke zawa ezindaweni ezilulwalwa, apho bezingenamhlaba mninzi; zaphuma ke kwaoko, ngenxa yokuba bezingenabunzulu bamhlaba;
-
6
|Mateo 13:6|
zathi ke lakuphuma ilanga zatsha, zaza ngenxa yokuba zingenangcambu zoma kwaphela.
-
7
|Mateo 13:7|
Ezinye ke zawa emithaneni enameva, yaza imithana enameva yakhula yaziminxa.
-
8
|Mateo 13:8|
Ezinye ke zawa kuwo wona umhlaba omhle, zanika iziqhamo, olunye lwanika ikhulu, olunye amashumi amathandathu, nolunye amashumi amathathu.
-
9
|Mateo 13:9|
Lowo uneendlebe zokuva makeve.
-
10
|Mateo 13:10|
Beza abafundi bathi kuye, Kungani na ukuba uthethe kubo ngemizekeliso?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40