-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
51
|Mateo 13:51|
Athi kubo uYesu, Niziqondile na zonke ezi ndawo? Bathi kuye, Ewe, Nkosi.
-
52
|Mateo 13:52|
wathi ke kubo, Ngenxa yoko, umbhali wonke ofundiselwe ebukumkanini bamazulu ufa na nomntu ongumninindlu, orhola ebuncwaneni bakhe izinto ezintsha kwanezindala.
-
53
|Mateo 13:53|
Kwathi, akuyigqiba uYesu le mizekeliso, wanduluka khona apho.
-
54
|Mateo 13:54|
Akufika kwelakowabo, wabafundisa endlwini yabo yesikhungu, ngokokude bakhwankqiswe bathi, Lo ubuzuze phi na obu bulumko, nale misebenzi yamandla?
-
55
|Mateo 13:55|
Lo asinguye na unyana wengcibi yokwakha? Unina akuthiwa na nguMariya? Nabazalwana bakhe asingooYakobi, noYose, noSimon, noYuda, yini na?
-
56
|Mateo 13:56|
Noodade bakhe abakuthi apha bonke na? Uzizuze phi na phofu lo zonke ezi zinto?
-
57
|Mateo 13:57|
Baye bekhubeka kuye. Wathi ke uYesu kubo, Umprofeti akaswele mbeko, kungekhona kowabo, nakokwabo.
-
58
|Mateo 13:58|
Akenza misebenzi mininzi yamandla khona apho, ngenxa yokungakholwa kwabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40