-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Mateo 14:11|
Yaziswa intloko yakhe ngesitya, yanikwa intombazana leyo, yathi yona yayisa kunina.
-
12
|Mateo 14:12|
Bafika abafundi bakhe, basithabatha isidumbu, basingcwaba; baya babikela uYesu.
-
13
|Mateo 14:13|
Evile ke uYesu, wemka apho ngomkhombe, waya endaweni eyintlango eyedwa. Zivile ke izihlwele, zamlandela ngeenyawo, zivela emizini.
-
14
|Mateo 14:14|
Ephumile ke uYesu, wabona into eninzi yabantu, wasikwa yimfesane ngabo, wayiphilisa imilwelwe yabo.
-
15
|Mateo 14:15|
Kuthe ke kwakuhlwa, beza kuye abafundi bakhe, besithi, Le ndawo iyintlango, kanjalo ilixa lise lidlule; zindulule izihlwele, zimke ziye emizaneni, zizithengele ukudla.
-
16
|Mateo 14:16|
Uthe ke kubo uYesu, Akufuneki ukuba zimke; zipheni nina zitye.
-
17
|Mateo 14:17|
Bathi ke bona kuye, Asinanto apha, ingezizo izonka ezihlanu neentlanzi ezimbini.
-
18
|Mateo 14:18|
Wathi ke yena, Ziziseni kum apha.
-
19
|Mateo 14:19|
Wathi izihlwele mazingqengqe phantsi engceni; wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi, ekhangele ezulwini, wasikelela; waqhekeza, wazinika abafundi izonka ezo; ke abafundi banika izihlwele.
-
20
|Mateo 14:20|
Badla bonke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, zalishumi elinazibini izitya zizele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21