-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Mateo 14:21|
Ke kaloku abo babesidla babengamadoda akumawaka amahlanu, ngaphandle kwabafazi nabantwana.
-
22
|Mateo 14:22|
Waza uYesu wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye phesheya, lo gama azindululayo izihlwele yena.
-
23
|Mateo 14:23|
Ezindulule ke izihlwele, wenyuka intaba ngasese, ukuba athandaze. Kwahlwa ke ekhona apho yedwa.
-
24
|Mateo 14:24|
Ke kaloku umkhombe ubuseluphakathi kolwandle, untsilwa ngamaza; kuba umoya ubuvela ngaphambili.
-
25
|Mateo 14:25|
Kuthe ke ngowesine umlindo wobusuku, wesuka waya kubo uYesu, ehamba phezu kolwandle.
-
26
|Mateo 14:26|
Bathe bakumbona abafundi ehamba phezu kolwandle, bakhathazeka, besithi, Ngumshologu; bakhaliswa kukoyika.
-
27
|Mateo 14:27|
Wathetha ke kwaoko uYesu kubo, esithi, Yomelelani; ndim, musani ukoyika.
-
28
|Mateo 14:28|
UPetros wamphendula ke wathi, Nkosi, ukuba nguwe, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi.
-
29
|Mateo 14:29|
Wathi ke yena, Yiza. Ehlile uPetros emkhombeni, wahamba phezu kwamanzi, esiya kuYesu.
-
30
|Mateo 14:30|
Ke kaloku, ebona umoya unamandla, woyika; waza eqala ukutshona wakhala, esithi, Nkosi, ndisindise.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3