-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Mateo 22:21|
Bathi kuye, NgokaKesare. Andule ukuthi kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, neento zikaThixo kuThixo.
-
22
|Mateo 22:22|
Bakuva bamangaliswa, basuka bamshiya, bemka.
-
23
|Mateo 22:23|
Kwangaloo mini kweza kuye abaSadusi, abathi akukho luvuko; bambuza,
-
24
|Mateo 22:24|
besithi, Mfundisi, uMoses wathi, Ukuba ubani uthe wafa engenabantwana, wothi umzalwana wakhe amngene umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe.
-
25
|Mateo 22:25|
Ke kaloku kwaye kukho kuthi abazalwana abasixhenxe; waza owokuqala akubonÂ’ ukuba uzekile wabhubha, wathi, kuba engenambewu, wamshiya kumzalwana wakhe umfazi wakhe.
-
26
|Mateo 22:26|
Wenjenjalo nowesibini, nowesithathu, kwada kwaya kowesixhenxe.
-
27
|Mateo 22:27|
Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi.
-
28
|Mateo 22:28|
Ngoko eluvukweni uya kuba ngumfazi wawuphi na kweso sixhenxe? Kuba babenaye bonke.
-
29
|Mateo 22:29|
Waphendula ke uYesu wathi kubo, Niyalahleka, kuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo.
-
30
|Mateo 22:30|
Kuba eluvukweni abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa zikaThixo emazulwini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40