-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Mateo 22:31|
Ngalo ke uvuko lwabafileyo, anikulesanga na okwathethwayo kuni nguThixo, esithi,
-
32
|Mateo 22:32|
Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? UThixo akaThixo wabafileyo, ungowabaphilileyo.
-
33
|Mateo 22:33|
Zathi izihlwele zakukuva, zakhwankqiswa yimfundiso yakhe.
-
34
|Mateo 22:34|
Ke kaloku bathe abaFarisi, bakuva ukuba ubethe labakhohla abaSadusi, bahlanganiselana ndawonye.
-
35
|Mateo 22:35|
Omnye kubo ongumqondisi-mthetho wambuza emlinga, wathi,
-
36
|Mateo 22:36|
Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi na?
-
37
|Mateo 22:37|
Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.
-
38
|Mateo 22:38|
Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho.
-
39
|Mateo 22:39|
Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.
-
40
|Mateo 22:40|
Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40