-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Mateo 25:11|
Zithi ke kamva zifike nezinye iintombi ezo, zisithi, Nkosi, nkosi, sivulele.
-
12
|Mateo 25:12|
Yaphendula ke yona yathi, Inene ndithi kuni, andinazi nina.
-
13
|Mateo 25:13|
Phaphani ngoko, ngokuba ningayazi imini kwanalo ilixa.
-
14
|Mateo 25:14|
Kuba kunjengomntu owathi, eza kuhambela kwelinye, wabiza abakhe abakhonzi, wayinikela kubo impahla yakhe.
-
15
|Mateo 25:15|
Wathi omnye wamnika iitalente zantlanu, omnye zambini, nomnye yaba nye, walowo wanikwa ngokwawakhe amandla; wahambela kwelinye kwaoko.
-
16
|Mateo 25:16|
Lowo ke wamkela iitalente ezintlanu, waya wasebenza ngazo, wenza esinye isihlanu seetalente.
-
17
|Mateo 25:17|
Kwangokunjalo nalowo wamkela ezimbini, naye wazuza esinye isibini.
-
18
|Mateo 25:18|
Ke naye lowo wamkela yanye, waya wemba emhlabeni, wayifihla imali yenkosi yakhe.
-
19
|Mateo 25:19|
Ithi ke emveni kwexesha elikhulu, ifike inkosi yabo bakhonzi, ibalelane nabo.
-
20
|Mateo 25:20|
Weza lowo wamkela iitalente ezintlanu, wazisa esinye isihlanu seetalente, esithi, Nkosi, wandinika iitalente zantlanu; khangela, ndizuze esinye isihlanu seetalente phezu kwazo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40