-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Mateo 25:31|
Xa ke athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xa uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe;
-
32
|Mateo 25:32|
zihlanganiswe phambi kwakhe zonke iintlanga, abahlule abanye kwabanye, njengokuba umalusi ezahlula izimvu ezibhokhweni;
-
33
|Mateo 25:33|
athi zona izimvu azimise ngasekunene kwakhe, athi kodwa zona iibhokhwe azimise ngasekhohlo.
-
34
|Mateo 25:34|
Uya kuthi ke ukumkani kwabangasekunene kwakhe, Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselwa nina kwasekusekweni kwehlabathi;
-
35
|Mateo 25:35|
kuba ndalamba, nandipha ukudla; ndanxanwa, nandiseza; ndandingowasemzini, nandingenisa endlwini;
-
36
|Mateo 25:36|
ndandize, nandambesa; ndandisifa, nandivelela; ndandisentolongweni, neza kum.
-
37
|Mateo 25:37|
Oza amphendule ke amalungisa, esithi, Nkosi, sakubona nini na ulambile, sakonga; unxaniwe, sakuseza?
-
38
|Mateo 25:38|
Sakubona nini na ke ungowasemzini, sakungenisa endlwini, uze, sakwambesa?
-
39
|Mateo 25:39|
Sakubona nini na ke usifa, okanye usentolongweni, seza kuwe?
-
40
|Mateo 25:40|
Aze aphendule ukumkani athi kuwo, Inene ndithi kuni, Ekubeni nenjenjalo nakumnye waba bazalwana bam bangabona bancinane, nenjenjalo nakum.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 33-34