-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Mateo 27:11|
Wema ke uYesu phambi kwerhuluneli, yambuza irhuluneli isithi, Unguye na uKumkani wamaYuda? Wathi ke uYesu kuyo, Nawe utsho.
-
12
|Mateo 27:12|
Ke kaloku ekumangalelweni kwakhe ngababingeleli abakhulu namadoda amakhulu, akaphendulanga nto.
-
13
|Mateo 27:13|
Aze athi uPilato kuye, Akuziva na ukuba zininzi kwazo iindawo abazingqinayo ngawe?
-
14
|Mateo 27:14|
Akaphendula zwi, noko lilinye, yada yamangaliswa kakhulu irhuluneli leyo.
-
15
|Mateo 27:15|
Ke kaloku imithendeleko ngemithendeleko irhuluneli ibiqhele ukuzikhululela izihlwele umbanjwa abe mnye, lowo babesithi bamfune.
-
16
|Mateo 27:16|
Baye ke ngelo xesha benombanjwa obesazeka, ekuthiwa nguBharabhas.
-
17
|Mateo 27:17|
BakubonÂ’ ukuba ngoko bahlanganisene, wathi kubo uPilato, Nithanda ukuba ndinikhululele wuphi na, uBharabhas, uYesu ekuthiwa nguKristu, kusini na?
-
18
|Mateo 27:18|
Kuba ebesazi ukuba bamnikele ngomona.
-
19
|Mateo 27:19|
AkubonÂ’ ukuba uhleli esihlalweni sokugweba, umfazi wakhe wathumela kuye, esithi, Uze ungabi nakuthini kuloo mntu ulilungisa, kuba namhlanje ndive izinto ezininzi ezinzima ephupheni, ngenxa yakhe.
-
20
|Mateo 27:20|
Kodwa ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu bazeyisela izihlwele ekuthini zicele uBharabhas, zimtshabalalise uYesu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40