-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Mateo 27:21|
Yaphendula ke irhuluneli yathi kubo, Nguwuphi na kwaba bobabini enithanda ukuba ndinikhululele yena? Bathe ke bona, NguBharabhas.
-
22
|Mateo 27:22|
Athi uPilato kubo, Ndimenzeni na ke uYesu ekuthiwa nguKristu? Bathi kuye bonke, Makabethelelwe emnqamlezweni.
-
23
|Mateo 27:23|
Yathi ke irhuluneli, Kuba enze bubi buni na? Kwaba kukhona ke bancamisayo ukunkqangaza, besithi, Makabethelelwe emnqamlezweni.
-
24
|Mateo 27:24|
Uthe ke uPilato, akubona ukuba akancedi lutho, ebona ukuba sisuke sangakumbi isiphithiphithi, wathabatha amanzi, wahlamba izandla phambi kwezihlwele, esithi, Andinatyala egazini lalo mntu ulilungisa; ziboneleni nina.
-
25
|Mateo 27:25|
Baphendula bonke abantu bathi, Igazi lakhe malibe phezu kwethu, naphezu kwabantwana bethu.
-
26
|Mateo 27:26|
Waza wabakhululela uBharabhas; wathi ke, emtyakatyile uYesu, wamnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni.
-
27
|Mateo 27:27|
Aza amasoldati erhuluneli amthabatha uYesu, amsa endlwini yerhuluneli, alihlanganisela phezu kwakhe ibutho lawo liphela.
-
28
|Mateo 27:28|
Amhluba, amnxiba ingubo ebomvu.
-
29
|Mateo 27:29|
Aluka isithsaba ngameva, amthi jize ngaso entloko; abeka nengcongolo esandleni sakhe sokunene, awa ngamadolo phambi kwakhe, adlala ngaye, esithi, Aa! Kumkani wamaYuda!
-
30
|Mateo 27:30|
Amtshicela, ayithabatha ingcongolo, ambetha entloko.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40