-
-
Xhosa
-
-
1
|Nahum 1:1|
Isihlabo esisingisele kwiNineve. Incwadi yombono kaNahum wase-Elekoshe.
-
2
|Nahum 1:2|
UYehova nguThixo onobukhwele, ophindezelayo; uYehova ngumphindezeli obushushu bukhulu; uYehova ngumphindezeli kubachasi bakhe, ezigcinela iintshaba zakhe umsindo wakhe.
-
3
|Nahum 1:3|
UYehova uzeka kade umsindo, mkhulu ke ngamandla, ongakhe amenze msulwa onetyala; uYehova, indlela yakhe isesivunguvaneni naseluqhwitheleni, namafu aluthuli lweenyawo zakhe.
-
4
|Nahum 1:4|
Ukhalimela ulwandle, alutshise, ayomise nemilambo yonke; intshwenyile iKarmele neBhashan, intshwenyile intyantyambo yaseLebhanon.
-
5
|Nahum 1:5|
Iintaba ziyanyikima phambi kwakhe, neenduli ziyanyibilika; liyafukuka ihlabathi ebusweni bakhe, elimiweyo nabemi bonke abakulo.
-
6
|Nahum 1:6|
Ngubani na ongemayo phambi kobhavumo lwakhe? Ngubani na ongaziphakamisayo ekuvutheni komsindo wakhe? Ubushushu bakhe buphalazeka njengomlilo, namawa ayadilizwa nguye.
-
7
|Nahum 1:7|
UYehova ulungile, uligwiba ngemini yembandezelo; uyabazi abazimela ngaye.
-
8
|Nahum 1:8|
Ke uyayiphelisa indawo yayo ngomkhukula ehamba phandle, azisukele iintshaba zakhe emnyameni
-
9
|Nahum 1:9|
Nicinga ntoni na ngoYehova? Uyaphelisa yena; imbandezelo ayisayi kuphakama izihlandlo ezibini.
-
10
|Nahum 1:10|
Kuba bofanelana bephinyelene ngokweziphingo, benxila yiwayini yabo emnandi: baya kudliwa kuphele, njengeendiza ezomileyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7