-
-
Xhosa
-
-
6
|Nahum 2:6|
Amasango asemilanjeni avuliwe, linyibilikile ibhotwe.
-
7
|Nahum 2:7|
Kugqityiwe kwelokuba iya kuhlutywa, imkiswe, nabakhonzazana bayo badumzele ngokwelizwi lamavukuthu, bebetha ezifubeni zabo.
-
8
|Nahum 2:8|
INineve injengechibi lamanzi, kususela koko yabakhoyo; bayabaleka noko; kuba angathiwa, Yimani, yimani! hayi, akubikho uphethulayo.
-
9
|Nahum 2:9|
Phangani isilivere, phangani igolide; akunakuphela ukuxhotyiswa ngobuninzi beempahla zonke ezinqwenelekayo.
-
10
|Nahum 2:10|
Kuthe qongqololo, kwathi qongqololo, kwaba selubala; intliziyo inyibilikile, amadolo ayagevezela; yinimba emanqeni onke, ubuso bonke buphela buba luthuthu.
-
11
|Nahum 2:11|
Siphi na isikhundla seengonyama, nedlelo elo leengonyama ezintsha, ebilihamba ingonyama induna nengonyamakazi, ithole lengonyama, kungekho wothusayo?
-
12
|Nahum 2:12|
Ingonyama le iqwenga okwanele amathole ayo, ikrwitshele iingonyamakazi zayo, izalise imingxuma yayo ngexhoba, nezikhundla zayo ngento eqwengiweyo.
-
13
|Nahum 2:13|
Uthi uYehova wemikhosi, Yabona, ndikuchasile; ndozitshisa iinqwelo zakho zokulwa zibe ngumsi, ikrele lizidle iingonyama zakho ezintsha; ndilinqumle ehlabathini ixhoba lakho, lingabi savakala izwi labathunywa bakho.
-
1
|Nahum 3:1|
Yeha, umzi wamagazi! Uzele kwaphela luhanahaniso nakukudlavula; akumki kuwo ukuqwenga.
-
2
|Nahum 3:2|
Isithonga seziniya, nesithonga sokugoqoza kweevili, nokuphala kwamahashe, nokuxhuma kweenqwelo zokulwa;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19