-
-
Xhosa
-
-
11
|Nahum 1:11|
Kuphume kuwe ocinga okubi ngoYehova, oceba ubutshijolo.
-
12
|Nahum 1:12|
Utsho uYehova ukuthi, Noko bapheleleyo, bebaninzi nokuba baninzi, baya kusikwa noko benjalo, badlule. Ndikucinezele nje, andiyi kuphinda ndikucinezele.
-
13
|Nahum 1:13|
Ngoku ke ndiya kuyaphula idyokhwe yakhe, ingabikho kuwe; ndiziqhawule izitropu zakho.
-
14
|Nahum 1:14|
Ke uYehova uwise umthetho ngawe, wokuba akusayi kuba sahlwayelwa nto inegama lakho; endlwini yothixo wakho ndowunqumla umfanekiso oqingqiweyo notyhidiweyo; ndiya kulenza ingcwaba akho; kuba wafunyanwa ulula.
-
15
|Nahum 1:15|
Yabonani, zisezintabeni iinyawo zabashumayela iindaba ezilungileyo, abavakalisa usindiso. Yenza imithendeleko yakho, Yuda, zalisa izibhambathiso zakho; ngokuba akasayi kubuya acande kuwe olitshijolo; unqunyulwe kwaphela.
-
1
|Nahum 2:1|
Kunyuke umhlekezi, weza phambi kwakho, Nineve; londoloza inqaba yakho, bonisela endleleni, qinisa izinqe, khupha amandla kunene.
-
2
|Nahum 2:2|
Ngokuba uYehova ulibuyele iqhayiya lakwaYakobi ngokweqhayiya lakwaSirayeli; ngokuba abathi qongqololo bathe qongqololo; bawonakalisile amasebe abo emidiliya.
-
3
|Nahum 2:3|
Ingweletshetshe yamagorha akhe yenziwe ingqombela, amadoda anobu kroti athiwe wambu ngezibomvu; iinqwelo zokulwa zinomlilo ophuma ezintsimbini ngemini yokuxhoba kwakhe, izinto zemisipres ziyatyityimba.
-
4
|Nahum 2:4|
Iinqwelo zokulwa ziyadlongozela ezitratweni, ziyagilana emabaleni; ukubonakala kwazo kunjengezikhuni ezitshangaziswayo, zibaleka njengemibane.
-
5
|Nahum 2:5|
Ukhumbule iingangamsha zakhe; ziya kukhubeka ekuhambeni kwazo; zingxamela eludongeni lwayo, selimisiwe ikhuselo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10