-
-
Xhosa
-
-
1
|Nehemías 11:1|
Bahlala abathetheli babantu eYerusalem; abanye abantu bawisa amaqashiso, ukuba kungeniswe abe mnye kwabalishumi, ahlale eYerusalem kuwo umzi ongcwele, nezinye izahlulo ezisithoba zihlale kweminye imizi.
-
2
|Nehemías 11:2|
Abantu bawasikelela amadoda onke aqhutywa yintliziyo ukuba ahlale eYerusalem.
-
3
|Nehemías 11:3|
Zizo ezi iintloko zelizwe lakwaYuda, ezahlala eYerusalem; ke emizini yakwaYuda, yaba ngulowo wahlala elifeni lakhe, emizini yabo, ingamaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi, nabakhonzi betempile, noonyana babakhonzi bakaSolomon.
-
4
|Nehemías 11:4|
EYerusalem kwahlala ezoonyana bakaYuda, nezoonyana bakaBhenjamin. Koonyana bakaYuda: yanguAtaya, unyana kaUziya, unyana kaZekariya, unyana ka-Amariya, unyana kaShefatiya, unyana kaMahalaleli koonyana bakaPeretse;
-
5
|Nehemías 11:5|
noMahaseya, unyana kaBharuki, unyana kaKoli-hoze, unyana kaHazaya, unyana ka-Adaya, unyana kaYoyaribhi, unyana kaZekariya, unyana womSheloni.
-
6
|Nehemías 11:6|
Bonke oonyana bakaPeretse, ababehlala eYerusalem, ibingamakhulu amane, anamanci mathandathu anesibhozo, amadoda anobukroti.
-
7
|Nehemías 11:7|
Ngabo aba oonyana bakaBhenjamin: ibinguSalu, unyana kaMeshulam, unyana kaYohedi, unyana kaPedaya, unyana kaKolaya, unyana kaMahaseya, unyana kaItiyeli, unyana kaYesaya.
-
8
|Nehemías 11:8|
Emva kwakhe ibinguGabhayi-salayi, enamakhulu asithoba, anamanci mabini anesibhozo;
-
9
|Nehemías 11:9|
noYoweli unyana kaZikri, umphathi kubo, noYuda unyana kaSenwa, engowesibini kubaphathi bomzi.
-
10
|Nehemías 11:10|
Kubabingeleli: ibinguYedaya unyana kaYoyaribhi, noYakin,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7