-
-
Xhosa
-
-
1
|Nehemías 13:1|
Ngaloo mini kwaleswa encwadini kaMoses ezindlebeni zabantu; kwafunyanwa kubhaliwe kuyo ukuthi, Ama-Amon namaMowabhi makangangeni ebandleni likaThixo naphakade;
-
2
|Nehemías 13:2|
ngokuba engabakhawulelanga oonyana bakaSirayeli enesonka namanzi; esuka abaqeshela uBhileham, ukuba abaqalekise; ke uThixo wethu wayiguqula ingqalekiso yaba yintsikelelo.
-
3
|Nehemías 13:3|
Kwathi bakuva umyalelo lowo, bawahlula wonke umxube kumaSirayeli.
-
4
|Nehemías 13:4|
Ke kaloku phambi koko, uEliyashibhi umbingeleli, obemiswe phezu kwamagumbi endlu kaThixo wethu, wazalamanisa noTobhiya,
-
5
|Nehemías 13:5|
wamenzela igumbi elikhulu, apho bekufudula kubekwa khona umnikelo wokudla, nentlaka emhlophe, nempahla, nezishumi zengqolowa, nezewayini entsha, nezeoli, ezibe zimiselwe abaLevi neemvumi nabamasango; nemirhumo yababingeleli.
-
6
|Nehemías 13:6|
Ekwenzekeni oko konke bendingekho eYerusalem; ngokuba, ngomnyaka wamashumi amathathu anesibini ka-Artashashta ukumkani waseBhabheli, ndaya kukumkani ekupheleni kwemihla, ndacela kukumkani ukuba ndibuye.
-
7
|Nehemías 13:7|
Ndafika ke eYerusalem, ndabugqala ububi abebenzile uEliyashibhi ngenxa kaTobhiya, ngokumenzela kwakhe igumbi ezintendelezweni zendlu kaThixo.
-
8
|Nehemías 13:8|
Kwaba kubi kum kakhulu; ndazilahlela phandle zonke iimpahla zendlu kaTobhiya ngaphandle kwegumbi.
-
9
|Nehemías 13:9|
Ndatsho, bawahlambulula amagumbi; ndazibuyisela khona iimpahla zendlu kaThixo, umnikelo wokudla, nentlaka emhlophe.
-
10
|Nehemías 13:10|
Ndazi ukuba izabelo zabaLevi abazinikwanga; ngokuba abaLevi neemvumi, ababesebenza umsebenzi, babebalekele elowo emhlabeni wakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7