-
-
Xhosa
-
-
1
|Nehemías 4:1|
Kwathi, akuva uSanebhalati ukuba siyalwakha udonga, wasuka wavutha umsindo wakhe, waqumba kunene, wawangcikiva amaYuda.
-
2
|Nehemías 4:2|
Wathetha phambi kwabazalwana bakhe nempi yakwaSamari, wathi, Enza ntoni na la maYuda antshwenyileyo? ozinqabisa na? obingelela na? ogqiba namhla na? owavusa na amatye kwezi mfumba zothuli, etshile nje?
-
3
|Nehemías 4:3|
Ke uTobhiya umAmon, engakuye, wathi, Nale nto ayakhayo, kungathi kunyuke impungutye le, iluqhekeze udonga lwawo lwamatye.
-
4
|Nehemías 4:4|
Yiva, Thixo wethu; ngokuba sideliwe, ukubuyisele ezintlokweni zabo ukungcikiva kwabo, ubanikele ekuphangweni elizweni labathinjwa.
-
5
|Nehemías 4:5|
Musa ukubuselela ubugwenxa babo; musa ukusicima isono sabo phambi kwakho; ngokuba bakuqumbisile phambi kwabakhi.
-
6
|Nehemías 4:6|
Salwakha ke udonga, lwadityaniswa lonke udonga, kwesa esiqingatheni sokuphakama kwalo. Abantu babenentliziyo yokusebenza.
-
7
|Nehemías 4:7|
Kwathi, akuva uSanebhalati, noTobhiya, nama-Arabhi, nama-Amon, nama-Ashdode, ukuba ziyenyuswa iindonga zeYerusalem; ukuba ziqaliwe, ziyavingcwa iintanda: wavutha umsindo wabo kunene.
-
8
|Nehemías 4:8|
Bacebisana kunye bonke bephela, ukuba beze kulwa neYerusalem, bayonakalise.
-
9
|Nehemías 4:9|
Sathandaza kuThixo wethu, samisa abokulinda imini nobusuku ngenxa yabo.
-
10
|Nehemías 4:10|
Athi amaYuda, Amandla abathwali bemithwalo ayetha, inkunkuma ininzi; thina asinakulwakha udonga.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7