-
-
Xhosa
-
-
21
|Nehemías 13:21|
Ndaqononondisa kubo, ndathi kubo, Yini na ukuba nilale phambi kodonga? Ukuba nithe naphinda, ndonisa isandla. Kususela kwelo xesha ababanga seza ngesabetha.
-
22
|Nehemías 13:22|
Ndathi kubaLevi mabazihlambulule, beze bagcine amasango, ukuze kungcwaliswe umhla wesabatha. Ndikhumbulele nangale nto, Thixo wam, ube nenceba kum ngokobuninzi benceba yakho.
-
23
|Nehemías 13:23|
Kananjalo ngaloo mihla ndawabona amaYuda abezeke abafazi abangama-Ashdodekazi, nama-Amonikazi, namaMowabhikazi,
-
24
|Nehemías 13:24|
oonyana babo inxenye bethetha ngesiAshdode, bengenakuqonda ukuthetha ngesiYuda, bethetha ngokwentetho yezizwe ngezizwe.
-
25
|Nehemías 13:25|
Ndabambana nawo, ndawatshabhisa, ndabetha amadoda kuwo, ndawadlathula iinwele, ndawafungisa uThixo ngokuthi, Inene, iintombi zenu aniyi kuzendisela koonyana babo, neentombi zabo aniyi kuzizekela oonyana benu, aniyi kuzizeka nani ngokwenu.
-
26
|Nehemías 13:26|
Wayengone ngenxa yabo yini na uSolomon, ukumkani wamaSirayeli? Ezintlangeni ezininzi kwakungekho kumkani unjengaye: ubethandwa nguThixo wakhe, uThixo wamnika ukuba ngukumkani wamaSirayeli onke; naye lowo bamonisa abafazi bezinye iintlanga.
-
27
|Nehemías 13:27|
Makuvakale ngani na, ukuba nenze bonke obu bubi bukhulu, bokwenza ubumenemene kuThixo wethu, ngokuzeka abafazi bezinye iintlanga?
-
28
|Nehemías 13:28|
Ke kaloku koonyana bakaYoyada, unyana kaEliyashibhi, umbingeleli omkhulu, bekukho kubo ongumyeni kwaSanebhalati waseHoron; ndamgxotha ke kum.
-
29
|Nehemías 13:29|
Bakhumbule, Thixo wam, ngenxa yokuhlambela kwabo ububingeleli, nomnqophiso wobubingeleli, nowobuLevi.
-
30
|Nehemías 13:30|
Ndawahlambuluka ke ezintweni zonke zezinye iintlanga, ndazimisa izigxina zababingeleli nezabaLevi, zomntu ngomntu emsebenzini wakhe,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7