-
-
Xhosa
-
-
1
|Nehemías 7:1|
Ke kaloku kwathi, lwakwakhiwa udonga, ndazifaka iingcango; bamiswa abamasango, nabavumi, nabaLevi, ukuba bagcine umsebenzi wabo.
-
2
|Nehemías 7:2|
Ndamwisela umthetho uHanani umzalwana wam, noHananiya umphathi wenqaba, ngeYerusalem; ngokuba ebeyindoda enyanisekileyo, emoyikayo uThixo ngaphezu kwabaninzi.
-
3
|Nehemías 7:3|
Ndathi kubo, Amasango aseYerusalem makangavulwa, lide lifudumale ilanga; bathi, besemi belinda, bazivale iingcango, bazitshixe; nimise abagcini abangabemi baseYerusalem, elowo abe selugcinweni lwakhe, elowo abe phambi kwendlu yakhe.
-
4
|Nehemías 7:4|
Umzi ububanzi ngeenxa zombini, umkhulu; abantu bembalwa phakathi kwawo, kungakhiwanga zindlu.
-
5
|Nehemías 7:5|
UThixo wam wangenisa entliziyweni yam, ukuba ndibabuthe abanumzana, nabaphathi, nabantu, ukuba ndibabhalele emilibeni yokuzalwa. Ndafumana incwadi yemilibo yokuzalwa kwabo babenyuke ekuqaleni; ndafumana kubhaliwe khona kwathiwa:
-
6
|Nehemías 7:6|
Ngabo aba oonyana belizwe lakwaYuda, abanyukayo kwabathinjiweyo basemfudusweni, awayebafudusile uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ababuyela eYerusalem nakwaYuda, elowo wabuyela emzini wakowabo,
-
7
|Nehemías 7:7|
abeza noZerubhabheli, noYeshuwa, noNehemiya, noAzariya, noRahamiya, noNahamani, noMordekayi, noBhileshan, noMisperete, noBhigevayi, noNehum, noBhahana. Inani lamadoda, abantu bakwaSirayeli, yayileli:
-
8
|Nehemías 7:8|
oonyana bakaParoshe ibingamawaka amabini, anekhulu elinamanci asixhenxe anababini.
-
9
|Nehemías 7:9|
Oonyana bakaShefatiya ibingamakhulu amathathu, anamanci asixhenxe anababini.
-
10
|Nehemías 7:10|
Oonyana baka-Ara ibingamakhulu amathandathu, anamanci mahlanu anababini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7