-
-
Xhosa
-
-
1
|Nehemías 8:1|
Bahlangana bonke abantu njengamntu mnye endaweni yembutho ephambi kwesango lamanzi, bathi kuEzra umbhali, makazise incwadi yomyalelo kaMoses, awawumiselayo uYehova kumaSirayeli.
-
2
|Nehemías 8:2|
UEzra umbingeleli wawuzisa umyalelo phambi kwebandla elo, lithabathele kwindoda lesa kumfazi, nakubo bonke abanokuva baqonde, ngomhla wokuqala wenyanga yesixhenxe.
-
3
|Nehemías 8:3|
Walesa kuwo phambi kwendawo yembutho ephambi kwesango lamanzi, eqale ekuseni kwada kwaba semini enkulu, phambi kwamadoda nabafazi, nabasebenokuqonda; iindlebe zabantu bonke zaphulaphula loo ncwadi yomyalelo.
-
4
|Nehemías 8:4|
Wema ke uEzra umbhali esikhwelweni somthi, ababesenzele loo nto. Kwema ngakuye uMatitiya, noShema, noAnaya, noUriya, noHilekiya, noMahaseya, ngasekunene kwakhe; ngasekholo yanguPedaya, noMishayeli, noMalekiya, noHashum, noHashebhadana, noZekariya, noMeshulam.
-
5
|Nehemías 8:5|
UEzra wayivula incwadi emehlweni abantu bonke (ngokuba wayebaphakamele abantu bonke) akuyivula, bema abantu bonke.
-
6
|Nehemías 8:6|
UEzra wambonga uYehova, uThixo omkhulu. Baphendula bonke abantu, bathi, Amen, amen, bephakamisa izandla zabo. Bathoba, baqubuda kuYehova, bebhekise ubuso babo emhlabeni.
-
7
|Nehemías 8:7|
OoYeshuwa, noBhani noSherebhiya, noYamin, noAkubhi, noShabhetayi, noHodiya, noMahaseya, noKelita, noAzariya, noYozabhadi, noHanan, noPelaya, nabaLevi, babaqondisa abantu umyalelo, abantu bemi ezindaweni zabo.
-
8
|Nehemías 8:8|
Balesa encwadini, emyalelweni kaThixo, ngokucacileyo, beqononondisa; bakuqonda ke ukulesa oku.
-
9
|Nehemías 8:9|
Wathi uNehemiya oyirhuluneli, noEzra umbingeleli, umbhali, nabaLevi abazondisa abantu, ebantwini bonke, Le mini ingcwele kuYehova uThixo wethu; musani ukwenza isijwili, musani ukulila. Ngokuba babelila bonke abantu, bakuweva amazwi omyalelo lowo.
-
10
|Nehemías 8:10|
Wathi kubo, Yiyani, nidle amanqatha, nisele izinto ezinencasa, nise isabelo kwabangalungiselwanga nto; ngokuba le mini ingcwele kwiNkosi yethu. Musani ukuba buhlungu; ngokuba uvuyo lukaYehova ligwiba lenu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7