-
-
Xhosa
-
-
11
|Romanos 10:11|
Kuba isibhalo sithi, Bonke abakholwayo kuye abayi kudaniswa.
-
12
|Romanos 10:12|
Kuba akukho kwahluka kwamYuda namGrike; kuba ikwayiloo Nkosi eyiNkosi yabo bonke, ibubutyebi kubo bonke abayinqulayo.
-
13
|Romanos 10:13|
Kuba bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa.
-
14
|Romanos 10:14|
Bothini na ke ukumnqula lowo bangakholwanga kuye? Bothini na ke ukukholwa kulowo bangamvanga?
-
15
|Romanos 10:15|
Bothini na ke ukuva, kungekho mshumayeli? Bothini na ke ukushumayela, bengathunywanga? Njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Hayi, ukuba zintle kwazo iinyawo zabashumayela iindaba ezilungileyo zoxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo zezinto ezilungileyo!
-
16
|Romanos 10:16|
Abazilulamelanga ke bonke iindaba ezilungileyo, kuba uIsaya uthi, Nkosi, ngubani na owakholwayo ludaba lwethu?
-
17
|Romanos 10:17|
Ngoko ke ukholo luphuma eludabeni, udaba ke lukho ngelizwi likaThixo.
-
18
|Romanos 10:18|
Ingaba kodwa, abevanga na? Ehla wena! Intlokoma yabo yaphuma, yaya kulo lonke ihlabathi, Namazwi abo aya eziphelweni zelimiweyo.
-
19
|Romanos 10:19|
Ndithi, Kodwa ubengazi na uSirayeli? Ukuqala, uMoses uthi, Mna ndiya kunikhweletisa ngabangeluhlanga, Ndiya kunicaphukisa ngohlanga olungenangqondo.
-
20
|Romanos 10:20|
Ke yena uIsaya akanqwanqwi; uthi, Ndifunyenwe ngababengandifuni, Ndaba nokubonakala kwababengandibuzi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38