-
-
Xhosa
-
-
1
|Romanos 16:1|
Ke kaloku ndimyaleza kuni uFibhi, udade wethu, ongumlungiseleli webandla eliseKenkreya;
-
2
|Romanos 16:2|
ukuze nimamkele ngokwaseNkosini, ngokufanele abangcwele, nimncede emcimbini asukuba enifunela wona; kuba naye ubengumongi wabaninzi, nowam lo.
-
3
|Romanos 16:3|
Bulisani kuPrisila noAkwila, abasebenzisi bam abakuKristu Yesu;
-
4
|Romanos 16:4|
bona bathi, ngenxa yobomi bam, bazibeka emgoqweni ezabo iintamo, ekungabuleli mna ndedwa kubo, ekubulela nawo onke amabandla azo iintlanga.
-
5
|Romanos 16:5|
Bulisani nakwibandla elisendlwini yabo. Bulisani kuPeneto intanda yam, oyintlahlela yelaseAkaya kuKristu.
-
6
|Romanos 16:6|
Bulisani kuMariya, yena wabulalekayo kakhulu ngenxa yenu.
-
7
|Romanos 16:7|
Bulisani kuAndroniko noYuniya, imizalwane yam nabathinjwa ndawonye nam, bona badumileyo phakathi kwabapostile, kanjalo baba kuKristu ngaphambi kwam.
-
8
|Romanos 16:8|
Bulisani kuAmpliya, intanda yam ngokwaseNkosini.
-
9
|Romanos 16:9|
Bulisani ku-Urbhano, umncedisi wethu kuKristu, noStaki intanda yam.
-
10
|Romanos 16:10|
Bulisani kuApele ocikidekileyo kuKristu. Bulisani kwabakwa-Aristobhulo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38