-
-
Xhosa
-
-
1
|Romanos 12:1|
Ndiyanivuselela ngoko, bazalwana, ngeemfefe zikaThixo, ukuba niyinikele imizimba yenu ibe lidini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo: inkonzo yenu ke leyo yasengqondweni.
-
2
|Romanos 12:2|
Kanjalo ningamilisi okweli phakade; manibe kumila kumbi ngokuhlaziyeka kwengqiqo yenu, ukuze nikucikide into okuyiyo ukuthanda kukaThixo okulungileyo, okukholekileyo, okuzalisekileyo.
-
3
|Romanos 12:3|
Kuba ngalo ubabalo endababalwa ngalo, ndithi kubo bonke abaphakathi kwenu, mabangazicingeli ngaphezu koko bamelwe kukuzicingela ngako; mabazicingele ingcinga ephilileyo, njengoko uThixo abele ulowo nalowo umlinganiso wokholo.
-
4
|Romanos 12:4|
Kuba, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye, ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye kuKristu, sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye.
-
5
|Romanos 12:5|
Sinezibabalo nje ke ezahlukahlukileyo, ngokobabalo esababalwa ngalo,
-
6
|Romanos 12:6|
nokuba sinokuprofeta, masiprofete ngokomlinganiselo wokholo;
-
7
|Romanos 12:7|
nokuba sinobulungiseleli, masihlale ebulungiselelini obo; nokuba ngofundisayo, makahlale emfundisweni leyo;
-
8
|Romanos 12:8|
nokuba ngovuselelayo, makahlale ekuvuseleleni oko; owabayo makabe engenakumbi; owongamelayo, makongame enyamekile; owenza inceba makayenze inceba echwayithile.
-
9
|Romanos 12:9|
Uthando malungabi naluhanahaniso; kuthiyeni okungendawo, namathelani kokulungileyo.
-
10
|Romanos 12:10|
Mayela nothando olu lobuzalwana, ndithi, yenzelanani ububele; mayela nembeko leyo, phangelanani;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10