-
-
Xhosa
-
-
1
|Romanos 8:1|
Ngoko ke, ngoku akukho kugwetywa kwabakuKristu Yesu; abangahambiyo ngokwenyama, abahamba ngokoMoya.
-
2
|Romanos 8:2|
Kuba umthetho woMoya wobomi, ndakuba kuKristu Yesu, wandikhulula emthethweni wesono nokufa.
-
3
|Romanos 8:3|
Kuba ekukhohlweni komthetho, ekubeni uswele amandla ngayo inyama, uthe uThixo, ethume owakhe uNyana, efana nenyama elawulwa sisono, emthume ngenxa yesono, wasigweba isono esenyameni leyo;
-
4
|Romanos 8:4|
ukuze ibango lomthetho lizaliseke kuthi, thina singahambiyo ngokwenyama; sihambayo ngokoMoya.
-
5
|Romanos 8:5|
Kuba abo bangokwenyama banyamekela izinto zasenyameni; abo ke bangokoMoya banyamekela izinto zaseMoyeni.
-
6
|Romanos 8:6|
Kuba ukunyameka kwenyama ikukufa; ukunyameka ke koMoya bubomi noxolo.
-
7
|Romanos 8:7|
Ngokokuba ukunyameka kwenyama kububutshaba kuThixo; kuba umthetho kaThixo kungawululameli, kuba kungenako nokuba nako ukwenjenjalo.
-
8
|Romanos 8:8|
Abo ke bakwinyama, abanakumkholisa uThixo.
-
9
|Romanos 8:9|
Ke nina anikwinyama; nikuMoya, ukuba kumi okunene uMoya kaThixo ngaphakathi kwenu. Ukuba ke umntu akanaye uMoya kaKristu, akangowakhe lowo.
-
10
|Romanos 8:10|
Ukuba ke uKristu ungaphakathi kwenu, umzimba okunene ufile ngenxa yesono; kodwa uMoya ububomi ngenxa yobulungisa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10