-
-
Xhosa
-
-
11
|Romanos 12:11|
mayela nokunyameka oko, musani ukunqena; mayela nomoya lo, vuthani;
-
12
|Romanos 12:12|
mayela neNkosi le, khonzani; mayela nethemba, vuyani; mayela nembandezelo, nyamezelani; mayela nomthandazo, zingisani;
-
13
|Romanos 12:13|
mayela neentswelo zabangcwele, yibani nobudlelane; ukubuka iindwendwe kusukeleni.
-
14
|Romanos 12:14|
Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.
-
15
|Romanos 12:15|
Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo.
-
16
|Romanos 12:16|
Cingelanani nto-nye; musani ukucinga izinto eziphakamileyo, tsalelani kwezithobekileyo. Musani ukuba ziingqondi ngokwenu.
-
17
|Romanos 12:17|
Ningabuyekezi ububi ngobubi nakubani. Khathalelani okuhle emehlweni abantu bonke.
-
18
|Romanos 12:18|
Ukuba kunokwenzeka, okukokwenu nina, hlalani ninoxolo nabantu bonke.
-
19
|Romanos 12:19|
Musani ukuziphindezelela, zintÂ’anda; yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi.
-
20
|Romanos 12:20|
Ngoko ke, ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ludle; ukuba lunxaniwe, luseze; kuba ngokwenjenjalo ke, woba ufumba amalahle omlilo phezu kwentloko yalo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19