-
-
Xhosa
-
-
11
|Romanos 16:11|
Bulisani kuHerodiyo, umzalwane wam. Bulisani kwabakwaNarkiso abaseNkosini.
-
12
|Romanos 16:12|
Bulisani kuTrifena noTrifosa, abo babulalekayo emsebenzini weNkosi. Bulisani kuPersi, intanda, yena wabulalekayo kakhulu emsebenzini weNkosi.
-
13
|Romanos 16:13|
Bulisani kuRufo onyuliweyo waseNkosini, nonina, uma.
-
14
|Romanos 16:14|
Bulisani kuAsinkrito, kuFilego, kuHerme, kuPatrobha, kuHerma, nabazalwana abanabo.
-
15
|Romanos 16:15|
Bulisani kuFilologo, noYuliya, kuNere, nodade wabo, no-Olimpa, nabo bonke abo bangcwele banabo.
-
16
|Romanos 16:16|
Bulisanani ngolwango olungcwele. Ayanibulisa amabandla kaKristu.
-
17
|Romanos 16:17|
Ke kaloku ndiyaniyala, bazalwana, balumkeleni abo benza iimbambaniso nezikhubekiso, ezinxamnye nemfundiso enayifundayo nina, niphambuke kubo.
-
18
|Romanos 16:18|
Kuba abanjalo abakhonzi yona iNkosi yethu uKristu, bakhonza esabo isisu; baze, ngamazwi anencasa nalalanisayo, balukuhle iintliziyo zabangazani nabubi.
-
19
|Romanos 16:19|
Kuba ukululama kwenu kuye kwafika kubo bonke. Ndiyavuya ngoko ngani; ndinga ke ningaba ngabalumkileyo okunene kokulungileyo; kodwa nibe ngabangenabuqhinga kokubi.
-
20
|Romanos 16:20|
UThixo ke woxolo uya kumtyumza uSathana kamsinya phantsi kweenyawo zenu. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38