-
-
Xhosa
-
-
21
|Romanos 15:21|
kube njengokuba kubhaliwe, kwathiwa, Abo bangabikelwanga nto ngaye, baya kubona; Nabo bangevanga nto, baya kuqonda.
-
22
|Romanos 15:22|
Kungoko ndabanjezelwayo nokubanjezelwa futhi, ukuba ndingafiki kuni.
-
23
|Romanos 15:23|
Ngoku ke ndingasenandawo nje kule mimandla, ndineminyaka ke emininzi ndilangazelela ukuza kuni,
-
24
|Romanos 15:24|
xa ndihambela kwelaseSpani, ndoza kuni; kuba ndithemba ukunibona xa ndicandayo kuni, nokuphelekelelwa nini ukuya khona, ukuba ndithe kuqala ndakha ndadlelana nani ngokwaneleyo.
-
25
|Romanos 15:25|
Kalokunje ke ndisinga eYerusalem, ndisiya kulungiselela abangcwele.
-
26
|Romanos 15:26|
Kuba kwakholeka kwabelaseMakedoni nabelaseAkaya, ukuba badlelane namahlwempu abo bangcwele baseYerusalem ngokuwupha okuthile.
-
27
|Romanos 15:27|
Ndithi kwakholeka kubo, kuba kakade banetyala kubo. Kuba iintlanga, xa zadlelanayo nabo ngezinto zabo ezizezomoya, zifanele ukubabusela ngezizezenyama.
-
28
|Romanos 15:28|
Ngoko, ndakuba ndikufinyezile oko, ndasinqabisela kubo eso siqhamo, ndobuya ngani ukuya kwelaseSpani.
-
29
|Romanos 15:29|
Ndiyazi ke ukuba ndothi, ndakuza kuni, ndize ndinentsikelelo ezalisekileyo yeendaba ezilungileyo zikaKristu.
-
30
|Romanos 15:30|
Ke kaloku ndiyanivuselela, bazalwana, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, nangalo uthando loMoya, ukuba nizame kunye nam ekundithandazeleni kuye uThixo,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38