-
-
Xhosa
-
-
21
|Romanos 1:21|
Ngokokuba bathe, bemazi uThixo, abamzukisa ngokoThixo, ababulela kuye; basuka bazizinto ezingento ezicamangweni zabo, yaza intliziyo yabo engenakuqonda yenziwa yamnyama;
-
22
|Romanos 1:22|
bathi besiba bazizilumko, besuka baba ziziyatha;
-
23
|Romanos 1:23|
baza ubuqaqawuli bukaThixo ongenakonakala babananisela intsobi yomfanekiselo womntu onokonakala, noweentaka, nowezinto ezizitho zine, nowezinambuzane.
-
24
|Romanos 1:24|
Kungoko athe, besezinkanukweni zeentliziyo zabo, uThixo wabanikela nokubanikela ekungcoleni, ukuba bahlazisane ngemizimba, yabo.
-
25
|Romanos 1:25|
bona bananisele ubuxoki inyaniso kaThixo, basihlonela basikhonza isidalwa, begqitha kuMdali, ongowokubongwa kuse kuwo amaphakade. Amen.
-
26
|Romanos 1:26|
Ngenxa yoko, uThixo wabanikela ekuthabathekeni okulihlazo; kuba namankazana abo umsebenzi wasemvelweni awananisela okunxamnye nemvelo;
-
27
|Romanos 1:27|
kwaza kwangokunjalo ke namadoda, ewushiya umsebenzi wenkazana wasemvelweni, avutha ngokukhanukana kwawo, amadoda esenza kumadoda okuziintloni, ezamkelela umbuyekezo wokulahleka kwawo, abemelwe ke nguwo.
-
28
|Romanos 1:28|
Njengokuba ke bekumangele ukuhlala bemazi kakuhle uThixo, uThixo wabanikela engqiqweni engacikidekileyo, ukuba benze izinto ezingafanelekileyo;
-
29
|Romanos 1:29|
bezele yiyo yonke intswela-bulungisa, okungendawo, ukubawa, ulunya; bezele ngumona, kukubulala, ziinkani, yinkohliso, bubumenemene;
-
30
|Romanos 1:30|
abasebezi, abahlebi, abathiyekileyo kuThixo, abasileyo, abanekratshi, abaqhankqalazi, abacebi bezinto ezimbi, abangabevayo abazali,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10