-
-
Xhosa
-
-
21
|Romanos 2:21|
Ndithi, wena ke umfundisayo omnye, akuzifundisi? Wena ke uvakalisa ukuthi, makungebiwa, uyeba?
-
22
|Romanos 2:22|
Wena ke uthi, makungakrexezwa, uyakrexeza? Wena ke ukruqukileyo zizithixo, uphanga iitempile?
-
23
|Romanos 2:23|
Wena ke uqhayisa ngomthetho, uyamhlazisa uThixo ngokugqitha umthetho?
-
24
|Romanos 2:24|
Kuba igama likaThixo linyeliswa ngenxa yenu phakathi kwazo iintlanga, njengoko kubhaliweyo.
-
25
|Romanos 2:25|
Kuba ulwaluko luyanceda okunene, ukuba uyawenza umthetho; kodwa ukuba ungumgqithi womthetho, ulwaluko lwakho lusuke lwaba kukungaluki.
-
26
|Romanos 2:26|
Ngoko ke, ukuba ongalukileyo uthi azigcine izimiselo zomthetho, akuyi kuthi na ukungaluki kwakhe kubalelwe ekuthini kukwaluka?
-
27
|Romanos 2:27|
Kuthi ukungaluki, oko kwasemvelweni, ngokuwuzalisa umthetho, kukugwebe wena ungumgqithi-mthetho, noko unesibhalo nolwaluko?
-
28
|Romanos 2:28|
Kuba umYuda asingulowo unguye ngokwangaphandle, nolwaluko asilulo olo lwangaphandle enyameni;
-
29
|Romanos 2:29|
umYuda ngulowo wasemfihlekweni, nolwaluko lolwentliziyo ngomoya, kungengantetho: yena ukudunyiswa kwakhe kungaphumi bantwini, kuphuma kuThixo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10