-
-
Xhosa
-
-
11
|Zacarías 14:11|
Bohlala kulo, kungabi sabakho kusingela phantsi; ihlale iYerusalem ikholosile.
-
12
|Zacarías 14:12|
Siso esi isibetho aya kuzibetha ngaso uYehova zonke izizwe eziyiphumele umkhosi iYerusalem: uya kuyingcungcuthekisa inyama yomntu, emi ngeenyawo zakhe, aphelele amehlo akhe emakrolomeni awo, luphelele ulwimi wakhe emlonyeni wakhe.
-
13
|Zacarías 14:13|
Kothi ngaloo mini, sibe sikhulu isaqunge phakathi kwazo, siphuma kuYehova; babambe elowo isandla sommelwane wakhe, isandla sakhe siphakamele isandla sommelwane wakhe.
-
14
|Zacarías 14:14|
Naye uYuda uya kulwa nazo eYerusalem; buhlanganiswe ubutyebi beentlanga zonke ezingeenxa zonke, igolide, nesilivere, neengubo, into eninzi kakhulu.
-
15
|Zacarías 14:15|
Soba njalo isibetho kumahashe, nakoondlebende, nakwiinkamela, nakunaesile, nakwiinkomo zonke eziya kuba seminqubeni leyo, sibe njengeso sibetho.
-
16
|Zacarías 14:16|
Othi onke amaqongqolo eentlanga zonke ezibe ziyingenele iYerusalem, enyuke iminyaka ngeminyaka, aye kumnqula uKumkani, uYehova wemikhosi, enze umthendeleko weminquba.
-
17
|Zacarías 14:17|
Kothi emizalwaneni yehlabathi, osukuba engenyuki aye kumnqula eYerusalem uKumkani, uYehova wemikhosi, anganelwa mvula.
-
18
|Zacarías 14:18|
Uya kuthi umzalwane wamaYiputa ongathanga unyuke uze, anganelwa mvula; yoba sisibetho, aya kubetha ngaso uYehova zonke iintlanga ezingenyukiyo ziye kwenza umthendeleko weminquba.
-
19
|Zacarías 14:19|
Siya kuba seso isohlwayo sesono seYiputa, nesohlwayo sesono seentlanga zonke ezingenyukiyo ziye kwenza umthendeleko weminquba.
-
20
|Zacarías 14:20|
Ngaloo mini kuya kubhalwa emankentezeni amahashe, kuthiwe, bubungcwele kuYehova; neembiza endlwini kaYehova zoba njengezitya zokutshiza eziphambi kwesibingelelo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Romanos 1-4