-
-
Xhosa
-
-
1
|Zacarías 14:1|
Yabonani, kuza imini eyekaYehova, kwabiwe amaxhoba akho esazulwini sakho.
-
2
|Zacarías 14:2|
Ndozihlanganisela eYerusalem zonke iintlanga ukuba zilwe; umzi uthinjwe, ziphangwe izindlu, badlwengulwe abafazi; siphume isiqingatha somzi sithinjwe; ke amasalela abantu anganqunyulwa wona kuwo umzi.
-
3
|Zacarías 14:3|
Uya kuphuma ke uYehova, alwe nezo ntlanga, njengemini yokulwa kwakhe, ngemini yomdibaniso.
-
4
|Zacarías 14:4|
Ziya kuma iinyawo zakhe ngaloo mini phezu kweNtaba yemiNquma, ephambi kweYerusalem ngasempumalanga, icandeke iNtaba yemiNquma phakathi, ithabathele empumalanga ise entshonalanga, ibe sisihlambo esikhulu kakhulu; sisunduzeke isiqingatha sentaba sisinge entla, esinye isiqingatha sayo sisinge ezantsi.
-
5
|Zacarías 14:5|
Nosabela esihlanjeni seentaba zam, kuba isihlambo seentaba ezo siya kufika naseAtsele; nisabe njengoko nasabayo ngenxa yenyikima emihleni kaUziya ukumkani wakwaYuda, eze uYehova uThixo wam, eneengcwele zakhe zonke.
-
6
|Zacarías 14:6|
Kothi ngaloo mini kungabi mhlophe, iinkwenkwezi ezinendili zibe luzizi.
-
7
|Zacarías 14:7|
Kuya kuba yimini eyodwa; yona iya kwazeka kuYehova; ayimini, ayibusuku; kuthi ngexa langokuhlwa kube mhlophe.
-
8
|Zacarías 14:8|
Kothi ke ngaloo mini, kuphume eYerusalem amanzi aphilileyo: esinye isiqingatha sawo siye kulwandle lwasempumalanga, esinye isiqingatha sawo siye kulwandle lwasentshonalanga; kube njalo ehlotyeni nasebusika.
-
9
|Zacarías 14:9|
UYehova woba ngukumkani phezu kwehlabathi lonke; ngaloo mini iya kuba nguYehova yedwa, negama lakhe lodwa.
-
10
|Zacarías 14:10|
Ilizwe lonke liya kujika libe njengeArabha, lithabathele eGebha lise eRimon, ezantsi kweYerusalem; liphakame, lihlale esikhundleni salo, lithabathele esangweni lakwaBhenjamin, lise endaweni yesango lokuqala, lise esangweni lembombo; lithabathele enqabeni ende yakwaHananeli, lise ezixovulelweni zokumkani.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7